RETINA LOGO Informer
Saturday, September 12, 2026
spot_imgspot_imgspot_imgspot_img

Top 5 This Week

Related Posts

Isikhalo uGogo, 70, erhaxwa ludaka wade wasweleka

Irhaxwe ludaka yade yasweleka inkondekazi yaseMvenyane kwidolophu yaseNtabankulu kwimpela veki esiphuma kuyo. Ingxelo zithi uGogo onamashumi asixhenxe eminyaka ucholwe ngabantu ebebezihambela ngentsasa yangomgqibelo esiphuma kuwo ethe tywa eludakeni sele ebanda. Ingxelo yoxilongo (post mortem) ikungqinile ukuba urhaxwe ludaka olo. Lendlela arhaxwe kuyo uGogo yindlela ebaludaka ingahambeki xa kunetha. Lendlela yileyo edibanisa ilali yaseMnceba kunye neCaba idlula ngakubhonxa xa isuka edolophini enTabankulu. Ngalemini imvula ibinethe ubusuku bonke. Kuthiwa xa imeko injalo kubanzima abafundi ukuba bahambe baye ezikolweni nabaya emisebenzini abakwazi kuya. Abahlali bathi kudala bayithetha imeko yalendlela kodwa ayide ilungiswe. “Lo gogo ngengarhaxwanga ukuba lendlela ibikwi meko eyamkelekileyo”, utshilo omnye umhlali.

No tags for this post.

Relating to the Post

Popular Articles

Enable Notifications OK No thanks