Umbutho wamanina kwi African National Congress (ANCWL) ufuna usihlalo kazwelonke we African National Congress uGwede Mantashe axolise esidlangalaleni ngentetho ayenze kudliwano ndlebe nentatheli kamabonakude. UMantashe uphendule intetheli ngelithi makangafakwa ekuceleni kwesibumbu ngoCeba.
Intatheli kamabonakude yejelo Newsroom Africa 405 ibicela uMantashe ukuba aphefumle ngezityholo ezibekwa ngabantu abangomama besithi banyanziliswa ukuba balale naba ceba ukuze bafumane imisebenzi komasipala. UMqwathi uphendule zisuka nje wathi “hayi ke into yokucela isisbumbu ungandifaki kuyo, ngulowo umntu uyazicelele isibumbu sakhe emntwini adibene naye ayinakuba yinto ye ANC leyo. Ukuba oCouncilor bathi xa bekhethiwe bayolala nabantu ungafaki iANC kuloo nto, uyazi ukuba yindoda ethile eziphethe kakubi ehamba ilala nokuba kuphi”, utshilo.
Le mpendulo ishiye abantu abanintsi bexokozela, kwabanye iyinto yentlekisa abanye bedanile kukuthethwa kwalento ngumntu omdala kumabonakude. IANCWL kwingxelo yayo eyikhuphe ngecawa umhla we18 October 2026 ithe iphazamisekile yile ntetho. Ithe uMantashe njengenkokheli ephezulu yeANC kufuneka ahloniphe isidima kwaye akhuthaze ukulingana ngokwesini. Ngaphezulu lombutho ufuna uMantashe acele uxolo kwintatheli nakuluntu jikelele. Ikwafuna ukuba inkokheli ze ANC zimkhalimele kwaye zithathe amanyathelo ezoluleko ngakuye. IANCWL ikwacacise ukuba ubudala bukaMantashe bungathathwa njengesizathu sokuthethelela amazwi akhe. Endaweni yoko umbutho wamanina uthi iinkokheli ezindala kufuneka zikhokele ngokunika iingcebiso nobulumnko ingakumbi kwimiba echaphazela abasetyhini. Ekugqibeleni lombutho ucele uxolo kwintatheli yenewsroom afrika ngentetho kaMantashe.
Amanina eANC (ANCWL) afuna uMantashe axolise ngokucela Isibumbu















